Uhlaziyo-Mnqophiso 28:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ke ukuba ulithobele ilizwi *likaNdikhoyo uThixo wakho, wayenza ngononophelo imiyalelo endikunika yona namhlanje, uNdikhoyo uya kukuphakamisa kunazo zonke izizwe zehlabathi.

2. Xa uthe walithobela ke walenza lizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, nâzi iintsikelelo owozixhamla:

3. “Wosikelelwa ezidolophini nasemaphandleni.

4. “Wosikelelwa, umfazi wakho azale, emasimini indyebo ibe ngako, yona imfuyo yande, kubekho amathole namatakane.

5. “Wosikelelwa, ingobozi yakho iphuphume isivuno, isitya sakho sokuxovulela sihlale sinentlama.

6. “Wosikelelwa ekuphumeni kwakho, nasekubuyeni kwakho ngokunjalo.

7. “UNdikhoyo uya kukuvathisa ngoloyiso, nditsho noba sewuhlaselwa ziintshaba. Zothi noba sezivela kwicala elithile, wena uzibethe zithi saa macal' onke.

8. “UNdikhoyo uThixo uya kuwuthamsanqela umsebenzi wakho, izisele zakho zihlale ziphuphuma. Uya kukuthi jize ngamathamsanqa kwelo lizwe akunika lona.

9. “Ukuba niyithobele imiyalelo nahamba ngokwelizwi lakhe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kunimisela nibe ngabantu bakhe ncakasana ngokwesithembiso sakhe.

54-55. Nditsho namadoda aphucukileyo anesisa ngelo thuba aya kuphalala ebethwa yindlala, kangangokuba ade atye abantwana bawo. Indoda iya kuvimba nomntakwayo, nomfazi wayo oyintanda, nditsho nowokugqibela osekhoyo kubantwana bayo.

56-57. Kwanomfazi ozitshoyo, intokazi esisigcodololo esichula ukunyathela, naye uya kuziphatha kwangolo hlobo. Luya kuthi lwakuningqinga utshaba acikidwe liphango, aphalale kangangokuba ade atye nosana agqib' ukulizala, ngokunjalo nomkhaya lowo, yonke ke le nto eyiba. Ewe, uya kude avimbe nendoda le yakhe yebhongo; asisathethi ke ngabantwana bakhe.

Uhlaziyo-Mnqophiso 28