Uhlaziyo-Mnqophiso 27:8-16 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kuloo matye atyatyekwe ngefutha ke ze niwabhale ngokucacileyo onke amazwi alo mthetho.”

9. UMosis ekunye nababingeleli babaLevi ke wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khanindibolek' iindlebe, maSirayeli! Namhlanje nibe ngabantu bakaNdikhoyo ncakasana. Nguye iNkosi yenu.

10. Ngoko ke ze niyithobele imiyalelo nemimiselo endininika yona.”

11. Ngaloo mini uMosis wawayalela amaSirayeli, wathi:

12. “Xa seniyiwelile iJordan ezi zizwe zilandelayo ze zime kwintaba iGerizim xa kuthamsanqelwa amaSirayeli: uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uJosefu, noBhenjamin.

13. Kanti ke nazi eziya kuma kwintaba iEbhali xa kuqalekiswa: uRubhen, uGadi, uAshere, uZebhulon, uDan, noNafetali.

14. “Ke bona abaLevi baya kuvakalisa la mazwi bekhwaza besithi:

15. ‘Uqalekisiwe umntu oqingqa umfanekiso ngelitye, umthi, noba sisinyithi, aze awunqule emfihlakalweni. Into enjalo lisikizi kuNdikhoyo.’“Ke bona abantu bophendula besithi: ‘Makube njalo!’

16. “ ‘Uqalekisiwe nabani na odela uyise noba ngunina.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’

Uhlaziyo-Mnqophiso 27