1. UMosis ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli wathi: “Ze niyithobele yonke imiyalelo endininika yona namhlanje.
2. Mhla nayiwela iJordan nangena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wenu, ze nimise amatye amakhulu, niwatyabeke ngefutha,
3-4. niwabhale kuwo onke amazwi alo mthetho. Xa seniwelile nangena kwelo lizwe lobisi nobusi nalithenjiswa nguNdikhoyo uThixo wooyihlo-mkhulu, la matye ze niwamise kwintaba iEbhali, niwatyabeke ngefutha ngokwalo myalelo ndininika wona namhlanje.
10. Ngoko ke ze niyithobele imiyalelo nemimiselo endininika yona.”
11. Ngaloo mini uMosis wawayalela amaSirayeli, wathi:
12. “Xa seniyiwelile iJordan ezi zizwe zilandelayo ze zime kwintaba iGerizim xa kuthamsanqelwa amaSirayeli: uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uJosefu, noBhenjamin.
13. Kanti ke nazi eziya kuma kwintaba iEbhali xa kuqalekiswa: uRubhen, uGadi, uAshere, uZebhulon, uDan, noNafetali.
14. “Ke bona abaLevi baya kuvakalisa la mazwi bekhwaza besithi:
15. ‘Uqalekisiwe umntu oqingqa umfanekiso ngelitye, umthi, noba sisinyithi, aze awunqule emfihlakalweni. Into enjalo lisikizi kuNdikhoyo.’“Ke bona abantu bophendula besithi: ‘Makube njalo!’
16. “ ‘Uqalekisiwe nabani na odela uyise noba ngunina.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
17. “ ‘Uqalekisiwe nabani na oshenxisa umlimandlela wommelwane.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
18. “ ‘Uqalekisiwe nabani na olahlekisa imfama endleleni.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
19. “ ‘Uqalekisiwe nabani na ogqwetha inyaniso xa kuthethwa ityala labangeneleli neenkedama nabahlolokazi.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
20. “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha umka-yise, kuba unyelisa uyise.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
21. “ ‘Uqalekisiwe nabani na olala nesilwanyana.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
22. “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha udade wabo, nditsho intombi kayise nokuba yekanina.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
23. “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha umkhwekazi.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
24. “ ‘Uqalekisiwe umntu ogebenga umwabo engabonwa.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
25. “ ‘Uqalekisiwe umntu othengwayo khon' ukuze agebenge abamsulwa.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
26. “ ‘Uqalekisiwe nabani na ongazithobeliyo aziphumeze iimfundiso zalo mthetho.’“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’ ”