1. UMosis ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli wathi: “Ze niyithobele yonke imiyalelo endininika yona namhlanje.
2. Mhla nayiwela iJordan nangena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wenu, ze nimise amatye amakhulu, niwatyabeke ngefutha,
5. Apho ke ze nakhele uNdikhoyo uThixo wenu iqonga lamadini ngamatye angaqingqwanga ngezixholo zentsimbi.
6. Kaloku iqonga enilakhela uNdikhoyo uThixo wenu kufuneka libe lelamatye angaqingqwanga. Kulapho ke ekufuneka ninikele ngamadini atshiswayo,
7. ngokunjalo nenze namadini obudlelwana, nitye ninombulelo apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu.
8. Kuloo matye atyatyekwe ngefutha ke ze niwabhale ngokucacileyo onke amazwi alo mthetho.”
9. UMosis ekunye nababingeleli babaLevi ke wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khanindibolek' iindlebe, maSirayeli! Namhlanje nibe ngabantu bakaNdikhoyo ncakasana. Nguye iNkosi yenu.
10. Ngoko ke ze niyithobele imiyalelo nemimiselo endininika yona.”