1. “Ukuba indoda ithathe umfazi, yaza kamva yakruquka nguye ngenxa yesizathu esithile, kufuneka imbhalele incwadi yokwahlukana, ize imnike, ibe ke iyamgxotha ngolo hlobo.
2. Xa athe kamva waphinda wathathwa yenye indoda,
3. yaza nayo yamala yambhalela incwadi yokwahlukana yamgxotha, okanye ke mhlawumbi le ndoda yakhe yesibini isuke yatshaba,
4. laa ndoda yakhe yokuqala ayinalungelo lokuphinda imthathe. Kaloku ngoku *unomlaza. Xa ingasuka imthathe kwakhona yoba lisikizi elo *kuNdikhoyo. Ngoko ke elo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho ungaze *uligqwalise ngamasikizi anjalo.”
5. “Indoda esandula ukuthath' umfazi mayingaphumi nomkhosi. Nakuwo nawuphi na umsebenzi onjalo mayikhululeke ixesha elingangonyaka, khon' ukuze ihlale ekhaya yonwabe nomkayo.
6. “Xa kukho into oyiboleke omnye umntu, sukumenza abambise ngelitye lakhe lokusila, nditsho nkqu imbokotho; kaloku ngolo hlobo loo mzi ungaba wohluthwe indlela yawo yokwenza ukutya.
7. “Nawuphi na umntu oqweqwedise umSirayeli, waza wamenza ikhoboka lakhe, okanye wamthengisa ukuze abe likhoboka, makabulawe. Ngaloo ndlela ke noba nibuncothule ububi phakathi kwenu.
8. “Xa kukho umntu ogula sisifo solúsu, yenza ngenyameko kanye ngokwemigqaliselo oyinikwa ngababingeleli; yenza ngokwemiyalelo endabanika yona.
9. Yikhumbule into awayenzayo *uNdikhoyo uThixo wakho kuMiriyam ngokuya naniphuma kwelaseJiputa.