Uhlaziyo-Mnqophiso 22:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. “Kumbandela onje ke abazali bomfazi baya kuthatha ubungqina bobuntombi, baye nabo enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo.

16. Wothetha enjenje ke uyise: ‘Lo mfo wathatha le ntombi yam ukuba ibe ngumkakhe; kodwa ngoku udikiwe yiyo.

17. Uyayityhola ngokuthi: “Kuthe kanti ibingeyontombi.” Kambe ke, nabu ubungqina obudiza ubuntombi bomntwan' am; khangelani, niyayibona le ngubo; injani?’

18. Kwesi sithuba ke amadoda amakhulu edolophu leyo aya kuyithatha indoda leyo ayikatse.

19. Kwangokunjalo indoda leyo iya kuhlawuliswa ikhulu leesiliva, lize linikwe uyise wentombi leyo, kuba le ndoda ihlaze intombi yamaSirayeli. Ngaphezu koko ke, lo mfazi uya kuhlala engumkayo; soze abe nelungelo lokumala nanini na.

20. “Ukuba kuthe kanti akukho bungqina babuntombi kuye,

21. amadoda amakhulu edolophu leyo aya kumkhupha kowabo, amxulube ngamatye ade afe. Kaloku wenze ihlazo phakathi kwamawabo, wavula ubuhlanti bukayise engendanga. Ngale ndlela ke noba nibuncothule ububi kwaSirayeli.”

22. “Xa umfo othile ebhaqwe ekrexeza nomka-mntu, mababulawe bobabini. Ngaloo ndlela ke noba nibuncothule ububi kwaSirayeli.

23. “Xa intombi eyendayo ibhaqwe emzini ihlangene nandoda yimbi,

24. bobabini mabathathwe bakhutshelwe ngaphandle kwedolophu, baxulutywe ngamatye bade bafe. Intombi le mayibulawe kuba ingenzanga mizamo ikhale, nangona ibingéviwayo. Ke yona indoda le mayibulawe kuba ithathe isondo kwintombi eyendayo. Ngale ndlela ke noba nibuncothule ububi phakathi kwenu.

25. “Ukuba indoda idlwengule intombi eyendayo besendle, indoda leyo mayibulawe.

26. Ke yona intombi leyo mayingenziwa nto, kuba ayenzanga sono sifanele ukuba ife. Kaloku eli tyala lifana nelendoda ehlasele enye yayenzakalisa,

Uhlaziyo-Mnqophiso 22