10. Ungaze ubophe inkomo kunye nedonki xa ulimayo.
11. Ungaze unxibe impahla engumxube, uboya kunye nomchako.
12. “Impahla yakho yenzele amanquma kumasondo omane.”
13. “Kungenzeka ukuba indoda izeke, ize kamva idikwe ngumfazi lowo,
14. imnyelise ngokuthi: ‘Ndamzeka, ndaza ndathi ndakusondela kuye ndabhaqa into yokuba akayontombi.’
15. “Kumbandela onje ke abazali bomfazi baya kuthatha ubungqina bobuntombi, baye nabo enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo.
16. Wothetha enjenje ke uyise: ‘Lo mfo wathatha le ntombi yam ukuba ibe ngumkakhe; kodwa ngoku udikiwe yiyo.
17. Uyayityhola ngokuthi: “Kuthe kanti ibingeyontombi.” Kambe ke, nabu ubungqina obudiza ubuntombi bomntwan' am; khangelani, niyayibona le ngubo; injani?’
18. Kwesi sithuba ke amadoda amakhulu edolophu leyo aya kuyithatha indoda leyo ayikatse.
19. Kwangokunjalo indoda leyo iya kuhlawuliswa ikhulu leesiliva, lize linikwe uyise wentombi leyo, kuba le ndoda ihlaze intombi yamaSirayeli. Ngaphezu koko ke, lo mfazi uya kuhlala engumkayo; soze abe nelungelo lokumala nanini na.
20. “Ukuba kuthe kanti akukho bungqina babuntombi kuye,
21. amadoda amakhulu edolophu leyo aya kumkhupha kowabo, amxulube ngamatye ade afe. Kaloku wenze ihlazo phakathi kwamawabo, wavula ubuhlanti bukayise engendanga. Ngale ndlela ke noba nibuncothule ububi kwaSirayeli.”