Uhlaziyo-Mnqophiso 21:17-23 Ibhayibhile (XHO96)

17. Unyana wamazibulo makanikwe ilifa eliphindwe kabini, nokuba akazalwa ngumfazi oyintandane. Kaloku nguye oluphawu lwamandla kayise. Ilungelo lenkulu lelakhe.”

18. “Xa indoda inonyana onenkani, oyinjubaqa, ongevayo naxa selelulekwa ngabazali bakhe,

19. kufuneka abazali abo bamthathe bamse enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo.

20. Baya kuthetha benjenje: ‘Lo nyana wethu unenkani, uyinjubaqa; akasiphulaphuli. Ulidla-kudla, futhi ulinxila.’

21. Amadoda edolophu leyo makamxulube ngamatye ade afe, khon' ukuze buncothulwe ububi phakathi kwenu. Aya kuthi ke amaSirayeli akuyiva le nto ihlileyo atsho oyike.”

22. “Xa indoda ithe inetyala yagwetyelwa ukufa, yaza ke yabulawa yaxhonywa emthini,

23. makungade kuse isaxhonyiwe. Mayithulwe ingcwatywe kwangaloo mini; kaloku umntu oxhonywe emthini uqalekisiwe nguThixo. Ngoko ke mawungcwatywe umzimba, khon' ukuze *ungagqwaliseki umhlaba owuphiwe *nguNdikhoyo uThixo wakho.

Uhlaziyo-Mnqophiso 21