3. “Nanini na kusenziwa idini ngenkomo noba yigusha, ababingeleli inxaxheba yabo ngumkhono, intloko, nolusu.
4. Ulibo lwengqolowa, nolwewayini, nolwamafutha omnquma, noloboya, yoba yinxaxheba yabo.
5. KumaSirayeli ephela uNdikhoyo uThixo wakho wanyula uLevi nendlu yakhe ukuba abuse kwezobubingeleli nanini nanini.
6. “Nawuphi na umLevi, noba uhlala phi na apho kwaSirayeli, ukuba uyafuna, angaya kulaa ndawo yalathwe nguNdikhoyo,
7. abuse uNdikhoyo uThixo wakhe njengabo bonke abaLevi abasebenza khona.
8. Naye ke makafumane inxaxheba ekwangangaleyo izuzwa ngabanye ababingeleli, nangona anenzuzo ayifumene ngokuthengiswa kwempahla yakowabo.”
9. “Wakufika ke kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uze ungawalinganisi amasiko amanyumnyezi alandelwa zizizwe zakhona.
10. Ungaze uthathe unyana wakho okanye intombi yakho wenze ngaye idini elitshiswayo; abantu bakuni mabangaze bavumise, okanye bambulule, mhlawumbi bachile,
11. okanye bakhafule, bangayisebenzisi nemilingo, okanye baqhakamshelane nabangasekhoyo.