Uhlaziyo-Mnqophiso 18:11-18 Ibhayibhile (XHO96)

11. okanye bakhafule, bangayisebenzisi nemilingo, okanye baqhakamshelane nabangasekhoyo.

12. Kaloku abantu abenza iintlondi ezinje banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho. Ziintlondi ezilolu hlobo ezabangela ukuba azigxothe iintlanga zelaa lizwe ekungeneni kwenu.

13. Hlala umsulwa phambi koNdikhoyo uThixo wakho.”

14. “Kwelo lizwe uya kulo abantu obagxotha khona bayavumisa bambulule, kodwa ke wena *uNdikhoyo uThixo wakho akafuni uyenze loo nto.

15. Ndaweni yaloo nto uNdikhoyo uThixo wakho uya kuvelisa *umshumayeli ofana nam lo, ophuma kwakumawenu. Uzuncede ke umthobele.

16. “Kaloku mhla nanihlangene kwintaba iHorebhe nandibongoza nisithi: ‘Asisakulangazeleli ukuba uNdikhoyo uThixo wethu athethe nathi yena siqu, asisathandi ukubona umlilo odiza ubukho bakhe, kuba soyika ukuthi mhlawumbi sife.’

17. Waza wathi kum uNdikhoyo: ‘Sihle isicelo sabo.

18. Ndiya kubanika umshumayeli ophuma kwakubo, afane nawe lo. Ke yena amazwi am aya kuphuma ngomlomo wakhe, aze abaxelele yonke imimiselo yam.

Uhlaziyo-Mnqophiso 18