10. Ungaze uthathe unyana wakho okanye intombi yakho wenze ngaye idini elitshiswayo; abantu bakuni mabangaze bavumise, okanye bambulule, mhlawumbi bachile,
11. okanye bakhafule, bangayisebenzisi nemilingo, okanye baqhakamshelane nabangasekhoyo.
12. Kaloku abantu abenza iintlondi ezinje banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho. Ziintlondi ezilolu hlobo ezabangela ukuba azigxothe iintlanga zelaa lizwe ekungeneni kwenu.
13. Hlala umsulwa phambi koNdikhoyo uThixo wakho.”
14. “Kwelo lizwe uya kulo abantu obagxotha khona bayavumisa bambulule, kodwa ke wena *uNdikhoyo uThixo wakho akafuni uyenze loo nto.
15. Ndaweni yaloo nto uNdikhoyo uThixo wakho uya kuvelisa *umshumayeli ofana nam lo, ophuma kwakumawenu. Uzuncede ke umthobele.
16. “Kaloku mhla nanihlangene kwintaba iHorebhe nandibongoza nisithi: ‘Asisakulangazeleli ukuba uNdikhoyo uThixo wethu athethe nathi yena siqu, asisathandi ukubona umlilo odiza ubukho bakhe, kuba soyika ukuthi mhlawumbi sife.’
17. Waza wathi kum uNdikhoyo: ‘Sihle isicelo sabo.
18. Ndiya kubanika umshumayeli ophuma kwakubo, afane nawe lo. Ke yena amazwi am aya kuphuma ngomlomo wakhe, aze abaxelele yonke imimiselo yam.
19. Uya kuthetha egameni lam; ke mna ndiya kumohlwaya nabani na ongawathobeliyo amazwi am.
20. Ke yena umshumayeli ongomnye, ozigwagwisa ngokuthi uthetha egameni lam ndingamthumanga, wobulawa. Koba kwangokunjalo nakoshumayela egameni *loothixo abangabambi.’
21. “Mhlawumbi ningaxakwa, nithi: ‘Soluqonda njani na udaba ukuba alululo olukaNdikhoyo?’
22. Ukuba umshumayeli uthetha egameni likaNdikhoyo ize ingenzeki loo nto ayithethileyo, nomqonda ukuba udaba lwakhe aluphumi kuNdikhoyo, koko uyazithethela nje; ngoko ke sanukuziduba ngaye.”