Uhlaziyo-Mnqophiso 18:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Indlu kaLevi yona ngababingeleli; ayiyi kuzuza sabelo nalifa njengamanye amaSirayeli, ndaweni yaloo nto ilifa layo ngamadini atshiswayo anikelwa *kuNdikhoyo.

2. AbaLevi abazukunikwa sabelo njengezinye izindlu; kaloku esabo isabelo nelifa bubudlelwane noNdikhoyo ngokwesithembiso sakhe.

3. “Nanini na kusenziwa idini ngenkomo noba yigusha, ababingeleli inxaxheba yabo ngumkhono, intloko, nolusu.

4. Ulibo lwengqolowa, nolwewayini, nolwamafutha omnquma, noloboya, yoba yinxaxheba yabo.

5. KumaSirayeli ephela uNdikhoyo uThixo wakho wanyula uLevi nendlu yakhe ukuba abuse kwezobubingeleli nanini nanini.

6. “Nawuphi na umLevi, noba uhlala phi na apho kwaSirayeli, ukuba uyafuna, angaya kulaa ndawo yalathwe nguNdikhoyo,

7. abuse uNdikhoyo uThixo wakhe njengabo bonke abaLevi abasebenza khona.

8. Naye ke makafumane inxaxheba ekwangangaleyo izuzwa ngabanye ababingeleli, nangona anenzuzo ayifumene ngokuthengiswa kwempahla yakowabo.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 18