Uhlaziyo-Mnqophiso 18:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Indlu kaLevi yona ngababingeleli; ayiyi kuzuza sabelo nalifa njengamanye amaSirayeli, ndaweni yaloo nto ilifa layo ngamadini atshiswayo anikelwa *kuNdikhoyo.

2. AbaLevi abazukunikwa sabelo njengezinye izindlu; kaloku esabo isabelo nelifa bubudlelwane noNdikhoyo ngokwesithembiso sakhe.

3. “Nanini na kusenziwa idini ngenkomo noba yigusha, ababingeleli inxaxheba yabo ngumkhono, intloko, nolusu.

Uhlaziyo-Mnqophiso 18