4. Isithuba seentsuku ezisixhenxe ke kofuneka kungabikho namnye apho kwelo lizwe lakho ugcina igwele endlwini yakhe. Inyama yaloo nto ixhelwe ngolo rhatya lokuqala ize ityiwe igqitywe kwangobo busuku.
5-6. “Izinto ozixhelela eli theko lePasika uzuzixhelele phaya endaweni eyalathwe nguNdikhoyo, eli theko ungalenzeli kwenye indawo apho kwelo lizwe ulinikwa nguNdikhoyo uThixo wakho. Idini lePasika uzulenze ngongcwalazi selitshona ilanga, xesha elo wathi waphuma ngalo eJiputa.
7. Inyama leyo ke uzuyojele apho endaweni yonqulo, uyityele khona, nize nibuyele kwezo ndawo nihlala kuzo.
8. Ngezo ntsuku zintandathu zilandelayo ke uzutye isonka esinganyuswanga; ngolu lwesixhenxe ke kofuneka ungaphathi msebenzi, koko nihlangane ninqule uNdikhoyo uThixo wenu.”