25. Akukho bani uya kuba nako ukumelana nani. Naphi na apho nihamba khona kwelo lizwe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kubarhwaqelisa banoyike abantu bakhona ngokwesithembiso sakhe.
26. âNiyabona ke, ndithi khethani, kuba namhlanje ndibeka phambi kwenu ithamsanqa nesiqalekiso.
27. Yoba lithamsanqa ukuba niyayithobela le miyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu ndininika yona namhlanje,
28. kambe ke yoba sisiqalekiso ukuba nithe anayithobela, koko natyekela bucala nanqula thixo bambi eningazange nabanqula ngaphambili.
29. Akuba enifikisile uNdikhoyo uThixo wenu kweli lizwe niya kuma kulo, ze nithamsanqele phezu kwentaba iGerizim kanti ke niqalekise phezu kwentaba iEbhali.
30. Ezi ntaba zimbini zisentshona kumlambo iJordan, kummandla wamaKanana ame kwintili yeJordan. Zingasentshona kude kufuphi nemioki yaseMore ngaseGiligali.