14. Xa nisenjenjalo ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuyinisa imvula ngamaxesha ayo – entlako-hlaza nasekwindla – khon' ukuze nivune ukudla okuziinkozo, iwayini, namafutha omnquma;
15. ize nengca ibe ninzi, zihluthe iinkomo zenu; ngaloo ndlela ke nixhamle intlutha.’
16. “Kambe ke lumkani, hleze niwexuleke, ninqule *thixo bambi.
17. Xa ninokuyenza ke loo nto, uNdikhoyo angakhathazeka gqitha, atsho awavale amazulu, ingani imvula, nomhlaba ungavelisi nto, ke nina nikhawuleze nitshabalale kanye apho kwelo lizwe lihle kunene aninike lona uNdikhoyo.
18. “Ngoko ke la mazwi ndininike wona ze niwalondoloze abe sezingqondweni zenu nasemoyeni wenu. Ze niwaqhinele ezandleni abe ngumqondiso, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ahlale esisikhumbuzo.
19. Ze niwafundise abantwana benu, nincokole ngawo xa nihleli ekhaya, ngokunjalo naxa niseluhambeni; nditsho xa nilalayo naxa nivukayo.
20. Ze niwakrole emgubasini wezindlu, ngokunjalo nasemasangweni enu.
21. Xa niyenzile ke loo nto, nozinza, nina nenzala yenu, kwelo lizwe wayebathembise ngalo oyihlo-mkhulu ngesifungo uNdikhoyo uThixo wenu. Ewe, niya kuma kulo nanini nanini sisekho nje isibhakabhaka phezu kwehlabathi.
22. “Le miyalelo ndininike yona ze niyithobele ngenyameko; ze nimthande uNdikhoyo uThixo wenu, nibambelele kuye, nihambe ngendlela yakhe.
23. Ke yena ekungeneni kwenu uya kuzidudula azigxothe zonke ezo zizwe, nize ke nina nohluthe umhlaba wezizwe ezikhulu nezomeleleyo kunani.
24. Uya kuba ngowenu wonke umhlaba enithe nanyathela kuwo. Imida yenu iya kusuka ezantsi entlango ityhutyhumeze iyokutsho kwiintaba zeLebhanon ngasentla; empuma iya kuthatha kumlambo iEfrati iyokuthi xhaxhe ngolwandle ngasentshonalanga.
25. Akukho bani uya kuba nako ukumelana nani. Naphi na apho nihamba khona kwelo lizwe, uNdikhoyo uThixo wenu uya kubarhwaqelisa banoyike abantu bakhona ngokwesithembiso sakhe.
26. “Niyabona ke, ndithi khethani, kuba namhlanje ndibeka phambi kwenu ithamsanqa nesiqalekiso.
27. Yoba lithamsanqa ukuba niyayithobela le miyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu ndininika yona namhlanje,
28. kambe ke yoba sisiqalekiso ukuba nithe anayithobela, koko natyekela bucala nanqula thixo bambi eningazange nabanqula ngaphambili.