Uhlaziyo-Mnqophiso 1:29-33 Ibhayibhile (XHO96)

29. “Ke mna ndaniyala ndisithi: ‘Musani ukuba nedyudyu nixhalabe ngenxa yabo!

30. UNdikhoyo uThixo wenu nguye onikhokelayo. Yena wonilwela njengoko nambonayo esenjenjalo eJiputa

31. nasentlango. Andithi kaloku yena wanibeleka njengoko uyise enjenjalo kunyana wakhe, yonke loo ndlela kude kube ngoku?’

32. Kodwa ke, nakuba kunjalo, animthembanga uNdikhoyo uThixo wenu,

33. kanti nguye owayesoloko enikhokela ade anifunele nendawo eningamisa kuyo. Ewe, kaloku wayenikhokela ngelangatye lomlilo ebusuku, ukuze niyibone indlela emanihambe ngayo, aze anikhokele ngomqulu welifu emini.”

Uhlaziyo-Mnqophiso 1