Uhlaziyo-Mnqophiso 1:23-35 Ibhayibhile (XHO96)

23. Ke kaloku sevana ngaloo ndawo, ndaza ke mna ndanyula ishumi elinambini lamadoda, yanye kwindlu nganye.

24. Wona ke ahamba aya kutsho kweleentaba, aya kuma kwintili ye-Eshkoli, aza ke ayihlola.

25. Ekubuyeni kwawo asiphathela iziqhamo zakhona, enza nengxelo ethi elo lizwe asinika lona uNdikhoyo uThixo wethu lihle liyintombazana.

26. “Kambe ke nina navukelana nawo umyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu, anavuma ukungena kulo elo lizwe.

27. Nahlala phantsi nakhalaza, nisithi: ‘UNdikhoyo usithiyile; ebengekhe asikhuphe kwelaseJiputa, aze azokusibeka esichengeni sokubulawa ngala ma-Amori!

28. Siya kuya phi na ke ngoku? Andithi kaloku nala madoda besiwathumile asityhafisile esithi abantu belo lizwe bomelele, futhi bade kunathi, ngokunjalo bahlala kwiidolophu ezinkulu ezibiyelwe ngeendonga ezirhec' izulu; kananjalo babone neengxilimbela ezingoonyana baka-Anaki!’

29. “Ke mna ndaniyala ndisithi: ‘Musani ukuba nedyudyu nixhalabe ngenxa yabo!

30. UNdikhoyo uThixo wenu nguye onikhokelayo. Yena wonilwela njengoko nambonayo esenjenjalo eJiputa

31. nasentlango. Andithi kaloku yena wanibeleka njengoko uyise enjenjalo kunyana wakhe, yonke loo ndlela kude kube ngoku?’

32. Kodwa ke, nakuba kunjalo, animthembanga uNdikhoyo uThixo wenu,

33. kanti nguye owayesoloko enikhokela ade anifunele nendawo eningamisa kuyo. Ewe, kaloku wayenikhokela ngelangatye lomlilo ebusuku, ukuze niyibone indlela emanihambe ngayo, aze anikhokele ngomqulu welifu emini.”

34. “Ke kaloku *uNdikhoyo akuziva izikrokro zenu wakhathazeka, wada wafunga wathi:

35. ‘Inene, akukho namnye kuni, sizukulwanandini esigwenxa, uya kungena kwelo lizwe lihle kunene ndabathembisa ngalo ngesifungo ooyihlo-mkhulu.

Uhlaziyo-Mnqophiso 1