Uhezekile 8:17-18 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ithe kum: “Ukubonile oku, mntundini? Ngathi indlu kaJuda ayanelanga ngala manyundululu iwenzayo, ngoku izalise ilizwe lonke ngogonyamelo, indixhokonxa ngakumbi ukuze ndibe nomsindo. Babone ke aba bantu: nâbo bewangawangisa ngamasebe omdiliya ngasezimpumlweni zabo!

18. Ngokwenene andiyi kuba nalusizi, ndingayi kubasindisa; baza kuthi shu yingqumbo yam. Nokuba sebede batsho ngenzwinini yesikhalo andiyi kuphulaphula.”

Uhezekile 8