1. “Nazi izizwe zidweliswe ngamagama azo: Kumda osemantla kuya kwahlulelwa uDan isabelo sibe sinye. Umhlaba wakhe uya kwayama indlela esuka eHetelon iye kwinkalo yeHamati. IHazare-enon nomda osemantla eDamasko malunga neHamati uya kuba ngumda osuka empumalanga uye entshonalanga.
2. “Siya kuba sinye isabelo sika-Ashere. Siya kuba ngumhlaba oyamene nokaDan ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
3. “Sinye isabelo sikaNafetali; ngumhlaba oyamene noka-Ashere ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
4. “Sinye isabelo sikaManase; ngumhlaba oyamene nokaNafetali ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
5. “Sinye isabelo sikaEfrayim; ngumhlaba owayame okaManase ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
6. “Isahlulo sikaRubhen siya kuba sinye; siyakwayama umhlaba kaEfrayim ukusuka empumalanga kuye entshona.
7. “Isahlulo sikaJuda siya kuba sinye; siyakwayama kumhlaba kaRubhen ukusuka empumalanga kuye entshonalanga.
8. “Umhlaba oyamene nokaJuda ukusuka empumalanga kuye entshonalanga uya kunikelwa kuNdikhoyo. Ububanzi bawo buya kuba lishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, buze ubude bawo ukusuka empumalanga kuye entshonalanga bulingane nobude bomhlaba wesizwe esinye. Ke sona isibingelelo siya kwakhiwa esazulwini sawo.
9. “Lo mhlaba uwodwa uya kunikelwa *kuNdikhoyo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi.
10. Le ke iya kuba yindawo eyodwa yababingeleli. Ubude bayo emantla buya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha, buze ububanzi bayo ngasentshonalanga bube ziikhilomitha ezintlanu. Ngasentshonalanga ububanzi buya kuba ziikhilomitha ezintlanu, buze ubude bayo emazantsi bube ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha. Isibingelelo sikaNdikhoyo soba sesazulwini sayo.
11. Lo mhlaba uya kuba ngowababingeleli abachongiweyo, amaZadoki, wona âlulamela imimiselo yam ngokunyaniseka akakreqa axela abaLevi xeshikweni ayephambukile amaSirayeli.
12. Uya kuba yinxaxheba yabo eyodwa ethathwe kumhlaba owodwa nongcwele owayamene nomhlaba wabaLevi.
13. “AbaLevi baya kuba nomhlaba owayame lowo wababingeleli. Umlinganiselo wawo uya kuba ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezintlanu ububanzi.
14. Ze bangawuthengisi okanye batshintshise ngawo. Ngumhlaba okhethekileyo lo; ngako oko uze ungabi ngowabanye abantu, kuba ungumhlaba owodwa kaNdikhoyo.
15. “Umhlaba oseleyo obubanzi buziikhilomitha ezimbini ezinesiqingatha nobude obuziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha uya kuba ngowesixeko, ube yindawo yokwakha izindlu nedlelo. Isixeko siya kuba sesazulwini sawo.
16. Ubukhulu baso ke buya kuba ziikhilomitha ezimbini ezinekota emantla, bube kwangako emazantsi, ngasempumalanga nangasentshonalanga.
17. Idlelo lesixeko liya kuba likhulu elinamashumi amabini anantlanu eemitha entla, libe kwangako ezantsi nasempumalanga kwanasentshonalanga.