Uhezekile 47:2-12 Ibhayibhile (XHO96)

2. Yaphuma nam ngesango lasemantla, sajikela ngaphandle, sada saya kutsho kwisango langaphandle elijonge empuma, abe wona amanzi empompoza evela ngasemazantsi.

3. Yahamba njalo indoda, isiya ngasempumalanga, iphethe umtya wayo wokulinganisa. Yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandiweza kumanzi awayebetha eqatheni.

4. Yaphinda yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandisa kumanzi abetha edolweni. Yaphinda yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandiweza kumanzi abetha esinqeni.

5. Kwakhona ilinganise amanye amakhulu amahlanu eemitha, kodwa ngoku safika ingumlambo endingenakuwuwela, kuba amanzi ayephezulu, unzulu kangangokuba umntu wayengadadayo – akukho mntu wayenokuwela ngeenyawo ngoku.

6. Yabuza kum yathi: “Mntundini, uyayibona na le nto?”Yabuya nam, yandisa elunxwemeni lomlambo.

7. Ndakuba ndilapho ndabona imithi emininzi ikhula macala omabini omlambo.

8. Ithe kum: “La manzi aqukuqela esiya kummandla wasempumalanga, ehle aye kwintili yeJordan, apho angena khona kuLwandle oluFileyo. Athi akungena elwandle amanzi alapho aphele ubutyuba.

9. Apho lo mlambo uqukuqela khona kubakho inkitha yezilo ezihlala khona. Ziya kuba ninzi kakhulu iintlanzi, kuba apho la manzi angena khona amanzi amtyuba ayajika abe nokuselwa; ngako oko apho ucanda khona zonke izinto ziya kuphila.

10. Abalobi baya kuba selunxwemeni. Ukusuka e-Engedi kuye e-Eneglayim kuya kubakho iindawo zokwaneka iminatha. Kuya kubakho iindidi ngeendidi zeentlanzi zibe ninzi okweentlanzi zoLwandle oluKhulu.

11. Kodwa yona imigxobhozo iya kuhlala imtyuba; kuzuzwa ityuwa kuyo.

12. Macala omabini omlambo kokhula imithi yeentlobo ngeentlobo zeziqhamo. Amagqabi ayo akayi kutshaza; yosoloko inika iziqhamo. Iya kunika iziqhamo zonke iinyanga kuba ifumana amanzi aphuma endlwini kaThixo. Iziqhamo zayo ziya kuba kukutya, wona amagqabi abe liyeza.”

Uhezekile 47