Uhezekile 47:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Yaza indoda yabuya nam, saya ekungeneni kwendlu kaThixo, ndabona amanzi empompoza phantsi komgubasi wendlu kaThixo, esiya ngasempumalanga. (Kaloku indlu kaThixo yayijonge empumalanga.) Amanzi ayesihla ephuma ngaphantsi kwicala elisemazantsi endlu kaThixo, emazantsi eqonga lamadini.

2. Yaphuma nam ngesango lasemantla, sajikela ngaphandle, sada saya kutsho kwisango langaphandle elijonge empuma, abe wona amanzi empompoza evela ngasemazantsi.

3. Yahamba njalo indoda, isiya ngasempumalanga, iphethe umtya wayo wokulinganisa. Yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandiweza kumanzi awayebetha eqatheni.

4. Yaphinda yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandisa kumanzi abetha edolweni. Yaphinda yalinganisa kangangamakhulu amahlanu eemitha, yandiweza kumanzi abetha esinqeni.

Uhezekile 47