Uhezekile 45:9-24 Ibhayibhile (XHO96)

9. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Kwanele, zinkosi zakwaSirayeli! Yahlukanani nogonyamelo kwanengcinezelo, nenze ubulungisa nokulungileyo. Yekani ukuhlutha abantu umhlaba wabo,’ utsho uNdikhoyo iNgangalala.

10. ‘Ze nisebenzise imilinganiso eyiyo: iefa ngqo, nebhati ngqo.

11. Mazilingane iefa nebhati, ibhati ibe sisishumi sehomere, ne-efa ibe sisishumi sehomere; ihomere mayibe ngumlinganiso omiselweyo wazo zombini.

12. Ishekele mayibe ngangamashumi amabini eegera. Amashumi amathandathu eeshekele edibene enza imina enye.’ ”

13. “ ‘Nangu umnikelo owodwa emaniwenze: isinye esithandathwini se-efaIefa ibisetyenziswa ukulinganisa ukutya okuziinkozo. Imalunga neelitha ezilishumi elinesixhenxe elinesiqingatha kwihomereIhomere ibisetyenziswa ukulinganisa ukutya okuziinkozo. Imalunga neelitha ezilikhulu elinamashumi asixhenxe anantlanu nganye yengqolowa, nesinye esithathwini se-efa kwihomere nganye yehabile.

14. Umlinganiselo omiselweyo wamafutha, ngokomlinganiso webhati sisishumi seebhati kwikore nganye (emlinganiso wayo lishumi leebhati okanye ihomere enye, kuba ishumi leebhati lilingana nehomere).

15. Kwakhona makuthatyathwe igusha ibe nye kumhlambi wamakhulu amabini odla kumadlelo aluhlaza akwaSirayeli. Zona ke zosetyenziswa neminikelo yokutya, amadini atshiswayo, neminikelo yobudlelwane yokungxengxezela abantu,’ itsho iNgangalala uNdikhoyo.

16. ‘Bonke abantu baya kuthatha inxaxheba kwesi sipho sisodwa esiya kusetyenziswa yinkosi kwaSirayeli.

17. Iya kuba luxanduva lwenkosi ukukhupha amadini atshiswayo, iminikelo yokutya, kwaneminikelo ethululwayo ngexesha lemisitho, nelokuthwasa kwenyanga, *neloMhla wokuPhumla, kuyo yonke imisitho yakwaSirayeli engummiselo. Iya kukhupha amadini esono natshiswayo, neminikelo yokutya, neyobudlelwane, ukungxengxezela indlu kaSirayeli.’

18. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngosuku lokuqala kwinyanga yokuqala nothatha inkunzi yenkomo eselula engenasiphako nihlambulule indlu kaThixo.

19. Umbingeleli wothatha inxalenye yegazi ledini lesono, alityikile emgubasini osemacaleni omnyango, kwiimbombo zone zomphetho ongentla weqonga lamadini, nasemigubasini ephahle isango lenkundla ephakathi.

20. Kuya kuphinda kwenziwe njalo ngosuku lwesixhenxe enyangeni, kusenzelwa lowo ungaba wone engaqondanga okanye ebangwa kukungazi; nendlu kaThixo yocanyagushelwa kwangolu hlobo.

21. “ ‘Ngosuku lweshumi elinesine kwinyanga yokuqala niza kuba nesikhumbuzo *sePasika, umsitho oya kuqhutywa isixhenxe seentsuku, ngalo lonke elo xesha nisitya isonka esinganyuswanga.

22. Ngaloo mini inkosi yesizwe iya kukhupha inkunzi yenkomo ibe lidini layo lesono kwanabo bonke abantu belizwe.

23. Yonke imihla ngezi ntsuku zomsitho iya kukhupha iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe neenkunzi zeebhokhwe ezisixhenxe ezingenasiphako zibe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo, neduna lebhokhwe libe lidini lesono.

24. Iya kukhupha umnikelo wokutya okhapha inkunzi yenkomo nganye omalunga neekhilogram ezingamashumi amabini, nenye ekwangako ekhapha inkunzi yebhokhwe nganye, kwaneelitha ezintathu zamafutha ezikhapha amashumi amabini eekhilogram zengqolowa.

Uhezekile 45