17. Iya kuba luxanduva lwenkosi ukukhupha amadini atshiswayo, iminikelo yokutya, kwaneminikelo ethululwayo ngexesha lemisitho, nelokuthwasa kwenyanga, *neloMhla wokuPhumla, kuyo yonke imisitho yakwaSirayeli engummiselo. Iya kukhupha amadini esono natshiswayo, neminikelo yokutya, neyobudlelwane, ukungxengxezela indlu kaSirayeli.’
18. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngosuku lokuqala kwinyanga yokuqala nothatha inkunzi yenkomo eselula engenasiphako nihlambulule indlu kaThixo.
19. Umbingeleli wothatha inxalenye yegazi ledini lesono, alityikile emgubasini osemacaleni omnyango, kwiimbombo zone zomphetho ongentla weqonga lamadini, nasemigubasini ephahle isango lenkundla ephakathi.
20. Kuya kuphinda kwenziwe njalo ngosuku lwesixhenxe enyangeni, kusenzelwa lowo ungaba wone engaqondanga okanye ebangwa kukungazi; nendlu kaThixo yocanyagushelwa kwangolu hlobo.
21. “ ‘Ngosuku lweshumi elinesine kwinyanga yokuqala niza kuba nesikhumbuzo *sePasika, umsitho oya kuqhutywa isixhenxe seentsuku, ngalo lonke elo xesha nisitya isonka esinganyuswanga.
22. Ngaloo mini inkosi yesizwe iya kukhupha inkunzi yenkomo ibe lidini layo lesono kwanabo bonke abantu belizwe.
23. Yonke imihla ngezi ntsuku zomsitho iya kukhupha iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe neenkunzi zeebhokhwe ezisixhenxe ezingenasiphako zibe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo, neduna lebhokhwe libe lidini lesono.
24. Iya kukhupha umnikelo wokutya okhapha inkunzi yenkomo nganye omalunga neekhilogram ezingamashumi amabini, nenye ekwangako ekhapha inkunzi yebhokhwe nganye, kwaneelitha ezintathu zamafutha ezikhapha amashumi amabini eekhilogram zengqolowa.
25. “ ‘Ngazo zonke iintsuku ezisixhenxe zomsitho oqalisa ngosuku lweshumi elinesihlanu kwinyanga yesixhenxe, kufuneka awalungiselele kwangolo hlobo amadini esono, natshiswayo, neminikelo yokutya, neyamafutha.’