Uhezekile 44:14-17 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ke ndiza kubenza abaququzeleli bendlu kaThixo, benze yonke imisebenzi abayalelwe yona.

15. “Kodwa ababingeleli abangabaLevi omnombo kaZadoki, bona bathi banyaniseka emsebenzini wesibingelelo xeshikweni amaSirayeli ayekreqile, bona bangasondela babingelele phambi kwam, benze iminikelo yamanqatha negazi, itsho iNkosi uNdikhoyo.

16. Ngabo kuphela abaya kungena kweyona ndawo ingcwele; ngabo kuphela abaya kundilungiselela etafileni yam, babingelele phambi kwam, bawenze umsebenzi wam.

17. “Xa bengena emasangweni entendelezo ephakathi mabanxibe impahla yelinen; mabanganxibi impahla eyenziwe ngoboya ngexesha balungiselelayo kwinkundla engaphakathi okanye ngaphakathi endlwini kaThixo.

Uhezekile 44