Uhezekile 38:17-23 Ibhayibhile (XHO96)

17. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Akunguye na lowo ndakha ndathetha ngaye ngezicaka zam *abashumayeli bakwaSirayeli? Ngelo xesha bashumayela ngeminyaka ezayo besithi ndiya kukwenza ubahlasele.

18. Ngaloo mhla kuya kwenzeka oku: Xa uGogi ehlasela ilizwe lamaSirayeli ndiya kuvukwa ngumsindo oshushu, itsho iNkosi uNdikhoyo.

19. Ngenxa yekhwele nomsindo wam ndathi: Ngenene kuya kubakho inyikima enkulu elizweni lakwaSirayeli.

20. Iintlanzi elwandle, iintaka esibhakabhakeni, izilo endle, nazo zonke izilwanyana ezirhubuluzayo emhlabeni, nabo bonke abantu ehlabathini baya kungcangcazela ngenxa yobukho bam. Ziya kubhukuqwa iintaba; aya kudilika amawa, nazo zonke iindonga ziwe phantsi.

21. Ndiya kumema amakrele kuzo zonke iintaba zam ukuza kutyakatya uGogi, itsho iNgangalala uNdikhoyo. Abacala-nye baya kubulalana.

22. Ndiya kumohlwaya ngobhubhani nangobugwinta; ndiya kunisa izandyondyo zemvula, isichotho nesalfure evuthayo phezu kwakhe naphezu komkhosi wakhe nezo zizwe ahamba nazo.

23. Ndiya kuba ndibonisa ubungangamsha bam; ndibe ke ndiyazazisa kwintlaninge yezizwe. Baya kuqonda ukuba mna ndinguNdikhoyo.”

Uhezekile 38