Uhezekile 36:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Mntundini, shumayela ubhekise kwiintaba zakwaSirayeli, uthi: Zintaba zakwaSirayeli, yivani ilizwi *likaNdikhoyo.

2. Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Iintshaba zathi ngani: ‘Yehaa, iintaba zamandulo zezethu ngoku!’

3. Ke ngoko shumayela uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kuba benidlakaze banizingela ndaweni zonke, naza ke ngoko naba phantsi kwamasalela eentlanga, nayinto yokungcikivwa nondaba-mlonyeni,

4. ngoko, zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uNdikhoyo: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiintaba neenduli, kwiingxingwa neentlambo, kumabhodlo asebugxwayibeni nezixeko ezingamanxuwa ngenxa yokutyhuthulwa nokuba yintlekisa yamasalela eentlanga ezingabamelwane –

5. itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngenxa yekhwele suka ndawakhalimela amasalela ezinye iintlanga kwane-Edom, kuba bathe bechulumanca, iintliziyo zabo zizele mome yinkohlakalo, bawuthatha umhlaba wam, bawenza owabo, ukuze bawathimbe amadlelo.

6. Ngoko ke shumayela ubhekise kwilizwe lakwaSirayeli, kwiintaba neenduli neengxingwa neentili, uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndithethe ngekhwele ndisemsindweni, kuba ziningcikivile iintlanga.

7. Itsho ke ngoko iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndimisa isibhozo ndisithi iintlanga ezimelene nani nazo ziya kungcikivwa.

8. “Kodwa nina, zintaba zakwaSirayeli, niza kuvelisa amasebe neziqhamo zibe zezabantu bam amaSirayeli, kuba sebeza kugoduka.

9. Ndiyavelana nani, ndaye ndiza kunibonelela; niza kulinywa nihlwayelwe.

Uhezekile 36