Uhezekile 30:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ingqumbo yam ndoyikhuphela ePelusiyo, inqaba yaseJiputa;izihlwele zaseThebhesi ndozinqamla.

16. IJiputa ndoyifaka umlilo;iPelusiyo yosuka ipena-pene,iThebhesi ithinjwe ngesikhawu,yona iMemfisi ihlale ithuthumela.

17. Baya kutyakatywa ngekrele abafana baseOn nabasePibhesete;ziya kuthinjwa zona izixeko.

18. Koba mnyama emini eTapanesi mhla ndayihlabanisela iJiputa;kumhla atshitsha amandla ayo eqhayiya.Iya kugutyungelwa lilifu, mhla zathinjwa iilali zayo.

19. Ewe, iJiputa ndiya kuyohlwaya,ukuze yazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

20. Ngosuku lwesixhenxe kwinyanga yokuqala kunyaka weshumi elinanye ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

21. “Mntundini, ndiyaphule ingalo yokumkani waseJiputa. Ayibotshwanga yanyangwa ukuze iphile, yomelele; akakwazi ukuphatha ikrele ngayo.

22. Ke kaloku itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nokumkani waseJiputa. Ndiza kumvikiva iingalo zombini, le ingekaphuki naleya seyaphukile, khon' ukuze ikrele liwe akuliphatha.

23. Ndiza kuwaswantsulisa amaJiputa, abhacele ezintlangeni.

24. Ndiza kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabheli, ndimxhobise ngekrele lam, kodwa ndiza kuzaphula iingalo zikakumkani waseJiputa, atsho ancwine okomntu ohlatyaniselweyo ephambi kwakhe.

25. Ndiza kuzixhasa iingalo zokumkani waseBhabheli, kodwa yena owaseJiputa uza kuwa iingalo. Baya kwazi ke ngoko ukuba ndinguNdikhoyo, xa sendimxhobisa ukumkani waseBhabheli alityityimbisele elaseJiputa.

26. Ndiya kuwaswantsulisa amaJiputa, abhacele ezintlangeni. Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

Uhezekile 30