2. Ndawuvula ke umlomo, wandinika incwadi esongwayo khon' ukuze ndiyitye.
3. Waza wathi kum: “Mntundini, yitye le ncwadi ndikunika yona, uzalise umbilini wakho.” Nam ke ndayitya, yatsho yanencasa njengobusi emlonyeni wam.
4. Waza wathi kum: “Mntundini, hamba uye kwindlu kaSirayeli, uthethe amazwi am kubo.
5. Andikuthumi kubantu abantetho ingavakaliyo nabalwimi lunzima ukululandela, kodwa ndikuthuma kwindlu kaSirayeli.
6. Ewe, andikuthumi ezintlangeni, zona zintetho ingavakaliyo nezilwimi lungalandelekiyo, ongasuka ungàyiva into eziyithethayo. Ngokwenene ukuba bendikuthume kuzo beziya kukuphulaphula.
7. Kodwa indlu kaSirayeli ayivumi kuphulaphula, kuba ayifuni kundimamela. Kaloku yonke indlu kaSirayeli ilukhuni, inenkani.
8. Nawe ndiza kukwenza ube nenkani, ube lukhuni njengabo.
9. Ewe, ndiza kukwenza ube lukhuni njengelona litye lilukhuni; ube lukhuni ngaphezu kwelitye lenyengane. Musa ukoyika, ungòthuswa zizoyikiso zabo; kaloku bayindlu yabavukeli.”
10. Waza wathi kum: “Mntundini, phulaphula kakuhle, uze uwagcine onke amazwi endiwathetha kuwe.
11. Hamba ke ngoku, uye kumawenu angabathinjwa, uthi kuwo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, yitsho nokuba ayaphulaphula, okanye akaphulaphuli.”
12. Wasuka uMoya wandifunqula, ndaza ndeva isandikazi sizongoma emva kwam: “Mabudunyiswe ubungangamsha bukaNdikhoyo ekhayeni lakhe!”
13. Isandi sokukhuhlana kwamaphiko ezidalwa eziphilayo, nesandi samavili emi ngakuzo, yaba sisandikazi esizongomayo.
14. Wasuka uMoya wandifunqula, wemka nam, ndemka ndijijitheka, ndikhathazekile, ndonganyelwe ngamandla kaNdikhoyo.
15. Ndafika apho babehlala khona abathinjwa eTelabhibhi, kufuphi nomlambo iKebhare. Ndaya ndahlala phantsi phakathi kwabo iintsuku ezisixhenxe, ndikhwankqisiwe.
16. Lafika kum ilizwi *likaNdikhoyo emva kweentsuku ezisixhenxe, lathi: