Uhezekile 3:13-27 Ibhayibhile (XHO96)

13. Isandi sokukhuhlana kwamaphiko ezidalwa eziphilayo, nesandi samavili emi ngakuzo, yaba sisandikazi esizongomayo.

14. Wasuka uMoya wandifunqula, wemka nam, ndemka ndijijitheka, ndikhathazekile, ndonganyelwe ngamandla kaNdikhoyo.

15. Ndafika apho babehlala khona abathinjwa eTelabhibhi, kufuphi nomlambo iKebhare. Ndaya ndahlala phantsi phakathi kwabo iintsuku ezisixhenxe, ndikhwankqisiwe.

16. Lafika kum ilizwi *likaNdikhoyo emva kweentsuku ezisixhenxe, lathi:

17. “Mntundini, ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngako oko ndiphulaphule, uze uwalumkise egameni lam.

18. Xa ndisithi kumntu okhohlakeleyo: ‘Wena uza kufa,’ waza wena akwamlumkisa okanye akwamkhalimela ukuze ahlukane nobugwenxa khon' ukuze aphile, ngokwenene loo mntu ukhohlakeleyo uya kufa ngenxa yezono zakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho.

19. Kambe ukuba uthe wamlumkisa ngenxa yenkohlakalo yakhe, waza akajika kubutshijolo bakhe, úya kufa ngenxa yenkohlakalo yakhe, kodwa wena uya kusinda.

20. “Kwakhona ukuba umntu olilungisa uthe waphambuka kubulungisa bakhe, wenza isono, ndaza ndambeka emngciphekweni, uya kufa. Ewe, ukuba akumnqandanga uya kufela isono sakhe, nemisebenzi yakhe yobulungisa ilityalwe. Ke lona ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho.

21. Kodwa ukuba uthe wamlumkisa umfo olilungisa ngesono asenzayo, waza wakuva, ngokwenene úya kudla ubomi, nawe ke usinde.”

22. Amandla kaNdikhoyo andongamela ndiselapho, waza wathi kum: “Phakama, uhambe uye ethafeni, apho ndiza kuthetha nawe khona.”

23. Nam ke ndaphakama, ndaya ethafeni. Babumi apho ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bunjengobuqaqawuli endabubona phezu komlambo iKebhare, ndasuka ndacambalala.

24. Wangena kum uMoya, wandimisa ngeenyawo. Wathetha nam wathi: “Hamba uye kuzivalela endlwini yakho.

25. Wena, mntundini, baza kukubophelela ngeentsontelo, khon' ukuze ungabi nako ukuya kubo.

26. Mna ke ulwimi lwakho ndiya kulwenza luthi nca enkalakahleni yomlomo wakho, ukuze ungakwazi ukuthetha ubakhalimele, kuba bangabantu abangabavukeli.

27. Kodwa ndakuthetha nawe ndiya kuwuvula umlomo wakho. Uze ke uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala *enguNdikhoyo: ...’ Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayindlu yabadelelayo.”

Uhezekile 3