Uhezekile 26:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngomhla wokuqala enyangeni ngonyaka weshumi elinanye, ndeva izwi *likaNdikhoyo lisithi kum:

2. “Mntundini, iTire ihlekise ngeJerusalem yathi: ‘Tshotsho uvuleke, sangondini eliya ezizweni! Iingcango zakho zivulelwe mna. Njengoko sewulinxuwa wena ndiza kuchuma mna.’

3. Ngenxa yoko mna Ndikhoyo iNkosi ndithi: Ndikuchasile, Tire, ndaye ndiza kukufunza ngentlaninge yezizwe, zibe ngathi ngamaza olwandle olulwayo.

Uhezekile 26