Uhezekile 25:9-17 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ngenxa yoko ndiza kuliyekela ngeentshaba ilizwe laseMowabhi, nditsho iqhayiya layo, izixeko zayo ezisemdeni, iBhete-yeshimoti, iBhali-meyon, neKiriyatayim.

10. IMowabhi kwakunye nama-Amon ndiza kuyinikezela ibe lilifa lezizwe zasempuma, khon' ukuze ama-Amon angaze akhunjulwe ezimbalini zezizwe.

11. Ndiza kuyohlwaya iMowabhi. Iya kutsho indazi ukuba ndinguNdikhoyo!”

12. Itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “IEdom ikhuphe isixhiba kwindlu kaJuda, yaza ngokwenjenjalo yanetyala elikhulu.

13. Ngenxa yoko iNgangalala uNdikhoyo ithi: Isandla sam ndiya kusolulela e-Edom, ndibulale abantu nemfuyo yabo. Ndiya kuyitsho ibharhe, ndibabulale ngekrele ukusuka eTeman kuye kutsho eDedan.

14. IEdom ndiya kuyiphindezela ngesandla sabantu bam amaSirayeli, abaya kwenza kwiEdom ngokwengqumbo nomsindo wam. Baya kuyazi impindezelo yam, itsho iNkosi uNdikhoyo.”

15. Itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “AmaFilistiya aziphindezele ngenzondo, kuba iintliziyo zawo zithe minxi yinkohlakalo ezalwa bubutshaba obudala, bezimisele ukumtshabalalisa uJuda.

16. Ngenxa yoko iNgangalala *uNdikhoyo ithi: Ndiza kusolula isandla sam side sifike kumaFilistiya, ndiwatshabalalise amaKrete, ndide ndigqogqe nalawo emi phezu konxweme lolwandle.

17. Ndiya kuziphindezela ngamandla kuwo, ndiwohlwaye ndinomsindo. Xa sendiziphindezela baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

Uhezekile 25