Uhezekile 23:7-13 Ibhayibhile (XHO96)

7. Waba lihenyukazi lazo zonke izinxiba-mxhaka zaseAsiriya, wazenyelisa ngezithixo zabo bonke awayebabawela.

8. Akabuyekanga ubuhenyukazi awayebuqale eJiputa ebutsheni bakhe, apho abafana babelala naye, bamphatha-phathe amabele, bemnyumbazela ukufeba.

9. “Ndasuka ke mna ndamyekela kwizithandwa zakhe ama-Asiriya awayezilangazelela.

10. Zamhluba, zabathatha oonyana neentombi, zaza yena zamtyakatya ngekrele. Waba ngundaba-mlonyeni kwabanye abafazi, waza wohlwaywa.

11. “Udade wabo uOholibha wakubona konke oku, kodwa wagabadela kunodade wabo ngobufebe nobuhenyukazi.

12. Naye wafeba nama-Asiriya, abalawuli nabaphathi-mkhosi, amadoda omkhosi egaxele impahla yawo, ekhwele emahashini awo, onke ingamagatyana anomkhitha.

13. Naye ndambona ezinyelisa ngokuhamba ngekhondo lodade wabo.

Uhezekile 23