Uhezekile 20:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngosuku lweshumi kwinyanga yesihlanu ngonyaka wesixhenxe, kweza kum iqela lamadoda amakhulu akwaSirayeli, ahlala phambi kwam, eze kubuzisa *kuNdikhoyo.

2. Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

3. “Mntundini, thetha namadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo: Ithi iNgangalala uNdikhoyo: Nize kubuzisa kum na? Ngokwenene ndiyafunga andiyi kunivumela nibuzise kum, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

4. “Mntundini, bagwebe! Ewe, bagwebe! Baxelele ngezenzo ezinezothe zooyise,

5. uthi kubo: Naku okuthethwa yiNgangalala uNdikhoyo: Mhla ndazinyulela uSirayeli, ndafunga ndamisa izibhozo phambi kwesizukulwana sendlu kaYakobi, ndaza ndazityhila kubo eJiputa. Ewe, ndamisa isibhozo, ndathi kubo: ‘Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.’

6. Ngaloo mhla ndafunga kubo ndathi ndiya kubakhupha eJiputa, ndibase kwilizwe endibafunele lona, ilizwe eliphuphuma ubisi nobusi, elona lizwe lilibhongo emazweni.

7. Ndaza ndathi kubo: ‘Omnye nomnye kuni makahlukane *nemifanekiso enezothe esenizimisele kuyo, niyeke ukuzigqwalisa *ngezithixo zaseJiputa. Ndim uNdikhoyo uThixo wenu.’

8. “Bandivukela, bala ukundiphulaphula, abayilahla imifanekiso enezothe ababezimisele kuyo, abazilahla izithixo zaseJiputa. Ndatsho ke ukuthi ndiya kuyikhuphela kubo ingqumbo yam; baya kuwuva umsindo wam eJiputa.

9. Kodwa ngenxa yegama lam ndenza ngako konke ukuba lingabandakanywa nokungendawo zizizwe abahlala phakathi kwazo nendizityhile phambi kwazo kumaSirayeli xa ndandiwakhupha eJiputa.

Uhezekile 20