7. akacinezeli mntu,kodwa uyakubuyisa oko bekubanjiswa ngako ebolekisa;akanguye umphangi,koko ubapha ukutya abalambileyo, abambese abahamba ze;
8. akaxhaphazi mntu xa ebolekisa,hayi, akabizi nzuzo igabadelayo;akavani nokwenza okungalunganga,ababambeneyo ubagwebela ngolungelelwano.
9. Wenza ngokwemimiselo yam,anyaniseke ekugcineni imithetho yam.“Lowo ke ulilungisa; ngenene uya kubudla ubomi, itsho iNkosi uNdikhoyo.
10. “Mhlawumbi indoda le inonyana othanda ukulwa, aphalaze igazi, okanye ade enze nezinye izinto ezingatshongo khona,
11. (naxa uyise engazange wazenza ezo zinto):“Uthatha inxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni;uyamhlazisa umfazi wommelwane;
12. uyawacinezela amahlwempu nabasweleyo;ungumphangi;akayibuyisi impahla abeyibanjiswe ngobolekayo;unqula izithixo;wenza amanyundululu;
13. uyabaxhaphaza abantu xa ebolekisa,ewe, ubiza inzuzo engaphaya.“Ngaba uya kubudla ubomi umntu onjalo? Hayi! Ngokwenza onke la manyundululu umelwe kukufa, avune into abeyihlwayele.