11. (naxa uyise engazange wazenza ezo zinto):“Uthatha inxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni;uyamhlazisa umfazi wommelwane;
12. uyawacinezela amahlwempu nabasweleyo;ungumphangi;akayibuyisi impahla abeyibanjiswe ngobolekayo;unqula izithixo;wenza amanyundululu;
13. uyabaxhaphaza abantu xa ebolekisa,ewe, ubiza inzuzo engaphaya.“Ngaba uya kubudla ubomi umntu onjalo? Hayi! Ngokwenza onke la manyundululu umelwe kukufa, avune into abeyihlwayele.
14. “Xa ngaba lo nyana unonyana obubonayo bonke ubugwenxa bukayise, aze athi kunjalo angahambi ekhondweni lakhe:
15. “Akathathi nxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni,okanye anqule izithixo zakwaSirayeli;akamhlazisi umka-mmelwane;