Uhezekile 18:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Bantundini, nithetha ukuthini ezweni lakwaSirayeli xa nicaphula kweli qhalo lithi:“ ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada,suka kwabuthelezi amazinyo abantwana’?

3. “Ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, anisayi kuphinda nicaphule kweli qhalo kwaSirayeli.

Uhezekile 18