Uhezekile 16:27-42 Ibhayibhile (XHO96)

27. Mna ke ndisolule isandla sam ndakohlwaya, ndawanciphisa amalungelo akho, ndakuyekela kwiminqweno yeentshaba zakho, nditsho iintombi zamaFilistiya ezaba nomothuko omkhulu bubufebe bakho.

28. Uhenyuzile nawo nama-Asiriya; kaloku awaneli!

29. Waphumela naseBhabheli, umhlaba wabarhwebi, nalapho awanela.

30. “Hayi, ububhetye-bhetye bakho, itsho iNkosi uNdikhoyo. Xa usenza zonke ezi zinto uziphatha okwehenyukazi eliphoxekileyo.

31. Xeshikweni usakha iingqumba zakho zamatye ekungeneni kwazo zonke izitalato, usenza nezibingelelo zakho kuzo zonke iindawo zesixeko eziphangaleleyo, ube wahlukile kwamanye amahenyukazi, kuba ubuyichasile intlawulo.

32. “Mfazindini okrexezayo! Wena ufuna abahambi endaweni yomyeni wakho!

33. Amanye amahenyukazi ahlawulwa umrhumo, kodwa wena ubapha izipho bonke abalala nawe, ubanyobe ukuze baphume kuzo zonke iindawo ukuza kulala nawe.

34. Ke ngoko wahlukile kwamanye amahenyukazi; awulandelwa. Wahlukile wena, kuba uyahlawula endaweni yokunikwa umrhumo.

35. “Ngoku ke, henyukazindini, phulaphula ilizwi likaNdikhoyo!

36. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ekubeni ubutshiseka, waza wahamba ze xeshikweni usenza amanyala namadoda akho, ngenxa yezithixo zakho ezinezothe, othe wanikezela ngegazi labantwana bakho kuzo,

37. ngoko ke ndiza kuwaqokelela onke amadoda akho abekuvisa ubumnandi ngokulala nawe, onke bethu, lawo ubuwathanda nalawo ubuwacaphukela. Ndiza kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndize nawo phambi kwakho, ndikuhambise ze, abubone ubuze bakho.

38. Ndiza kukugwebela isohlwayo sabafazi abakrexezayo nabaphalaza igazi; ndiza kuwukhuphela kuwe wonke umsindo wam wempindezelo yegazi nobukhwele.

39. Emva koko ndiya kukunikezela kumakrexe akho; aya kuzidiliza ingqumba zakho zamatye, aziwise izibingelelo zakho. Aya kuyikhulula impahla yakho, azihluthe izihombo zakho zamatye anqabileyo amahle, akushiye uze ungenanto.

40. Aya kukubizela isihlwele sikuxulube ngamatye, sikutyakatye ngamakrele.

41. Siya kuzitshisa izindlu zakho, sikohlwaye, abanye abafazi bejongile. Ewe, ndiza kukwenza ukuyeke ukuhenyuza, uyeke nokuhlawula amakrexe.

42. Uya kuthotha ke umsindo wam kuwe, ngokunjalo buphele nobukhwele. Ndiya kuthi cwaka ndingabi sakhathazeka.

Uhezekile 16