Uhezekile 13:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Anibangwa yimibono ephuthileyo nezihlabo zobuxoki xa nisithi: ‘Utsho uNdikhoyo,’ ndibe mna ndingathethanga?

8. “Ke ngoko ithi iNgangalala uNdikhoyo: Ngenxa yamazwi enu aphuthileyo, nemibono ebubuxoki, mna ndichasene nani, itsho iNkosi uNdikhoyo.

9. Isandla sam siya kuba gadalala kwabo bashumayeli babona imibono ephuthileyo, behlaba izihlabo ezibubuxoki. Abayi kuba ngamaphakathi equmrhu labantu, namagama abo akayi kubhalwa kwimiqulu yendlu kaSirayeli, bengayi kuvunyelwa ukuba banyathele kumhlaba kaSirayeli. Niya kuqonda ke ngoko ukuba mna ndiyiNkosi uNdikhoyo.

10. “Ngenxa yokulahlekisa abantu bam ngokuthi: ‘Luxolo,’ lube lona uxolo lungekho, nokuthi ziqatywe ngekalika iindonga ezakhiwe zaethe-ethe,

11. mabaxelelwe abo baziqabileyo ukuba ziza kudilika. Ziza kufika zona iziphango ezinezichotho ezikhulu nezivondoviya zomoya.

12. Xa ke sezidilika iindonga abantu baya kunibuza bathi: ‘Iphi ikalika ebeziqatywe yona?’

13. “Ngako oko ithi iNkosi uNdikhoyo: Emsindweni wam ndiza kwenza kubekho inkanyamba eya kuba nesichotho nezandyondyo zemvula eya kutshabalalisa.

14. Ndiya kuludiliza udonga eniluqabe ikalika, nditsho luthi bhuma phantsi, kuvele isiseko salo. Luya kunityumza nife nina xa ludilikayo. Niya kwazi mhlophe xa kunjalo ukuba ndinguNdikhoyo.

15. “Umsindo wam ndiya kuwukhuphela kolo donga nakwabo baliqabe ngekalika. Ndiya kuthi kuni: ‘Ludilikile udonga; batshabalele nabo bebeliqabe ngekalika –

16. nditsho abashumayeli bakwaSirayeli ababeshumayela eJerusalem, benemibono yoxolo kuyo, kanti kwakungekho xolo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.’

17. “Ke ngoku, mntundini, zifulathele iintombi zabantu bakowenu ezishumayela intshumayelo eziyikha engqondweni. Zikhalimele

18. uthi: ‘Naku okuthethwa nguNdikhoyo iNgangalala: Yeha kwabo bafazi bafaka iintsimbi ezinyangiweyo ezihlahleni zabo, nabathwala izigqubuthelo zeendidi ngeendidi ezintloko, besenzela ukutsala abantu. Nithi ningabambisa abantu bam nize nina nisinde?

19. Nindinyelisile kubantu bam ngenxa yezityana ezimbalwa zerhasi neengqweqwe zesonka. Ngokubaxokisa abantu bam ababuphulaphulayo ubuxoki, nibulele ababefanele ukungafi, nasindisa abo babemele ukufa.’

Uhezekile 13