18. uthi: ‘Naku okuthethwa nguNdikhoyo iNgangalala: Yeha kwabo bafazi bafaka iintsimbi ezinyangiweyo ezihlahleni zabo, nabathwala izigqubuthelo zeendidi ngeendidi ezintloko, besenzela ukutsala abantu. Nithi ningabambisa abantu bam nize nina nisinde?
19. Nindinyelisile kubantu bam ngenxa yezityana ezimbalwa zerhasi neengqweqwe zesonka. Ngokubaxokisa abantu bam ababuphulaphulayo ubuxoki, nibulele ababefanele ukungafi, nasindisa abo babemele ukufa.’
20. “Ithi ke iNkosi uNdikhoyo: Ndichasene nezo zihombo zenu zinyangiweyo enibambisa ngazo abantu ngathi ziintaka, ndaye ndiza kuziqhawula ezingalweni zenu; ndiza kubakhulula abo bantu nibabambise okweentaka.
21. Ndiya kuzikrazula izigqubuthelo zenu, ndibasindise abantu bam kuni, baze bangabuye baphinde babe phantsi kweempembelelo zenu. Noqonda ke ukuba ndinguNdikhoyo.