Uhezekile 12:2-18 Ibhayibhile (XHO96)

2. “Mntundini, uhleli nabantu abangabavukeli. Banamehlo, kodwa ababoni; baneendlebe, kodwa abaphulaphuli; kuba kaloku bangabavukeli.

3. “Ngako oko, mntundini, bopha konke okwakho, ulungiselele ukufuduka. Uze uthi emini, bekubona, unduluke, ufudukele kwenye indawo. Mhlawumbi ke bangaqonda, nakubeni bengabantu abangabavukeli.

4. Emini njalo, bejongile, uze uwubeke phandle umthwalo wakho sewulungele imfuduko, uphume kwakuhlwa, bekukhangele njalo, ungene endleleni yemfuduko.

5. Bekubukele njalo, gqobhoza eludongeni lwendlu, uphume nempahla yakho.

6. Uze uyityathe bekujongile ngorhatya, ungene endleleni. Uze ubugqume ubuso bakho, ukuze ungaliboni ilizwe, kuba ndikwenze umqondiso kwindlu kaSirayeli.”

7. Ndenza njengoko ndiyalelwe. Ndayikhupha emini impahla yam seyingumthwalo olungiselelwe imfuduko. Ndaza ngokuhlwa ndagqobhoza eludongeni ngezandla zam. Ngorhatya ndaphuma endijongile ndithwele impahla yam emagxeni.

8. Kusasa ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:

9. “Mntundini, abakubuzanga na oonkanishe abayindlu kaSirayeli ukuba: ‘Wenza ntoni na?’

10. Uze uthi kubo: ‘Ithi iNkosi uNdikhoyo: Olu daba lundilisekileyo luqondene nenkosana eseJerusalem nayo yonke indlu kaSirayeli elapho.’

11. “Ewe, yithi: ‘Mna ndingumqondiso kuni. Nakuni kuya kwenzeka njengokuba kwenzekile kum.’“Nâbo baseJerusalem baya kufuduswa.

12. Inkosana yabo iya kuyithwala impahla yayo emagxeni, isabe ngorhatya. Iya kuvulelwa umngxuma emayiphume ngawo eludongeni. Iya kubugquma ubuso bayo, itsho ingaliboni ilizwe.

13. Ndiya kuyithiyela ngezabatha, ize ibhajiswe zizo; ndiya kuyisa eBhabheli ilizwe lamaKaledi, kodwa yona ayisayi kulibona, yaye iya kufela apho.

14. Ndiya kubasarhaza bonke abalandeli, nditsho nkqu amafanankosi nemikhosi. Ndiya kubaleqa ndiqhiwule ikrele.

15. “Xa sendibenze baphalala ezintlangeni nasemazweni baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.

16. Kodwa ndiya kusindisa intsalela yabo ekutshatyalalisweni likrele, nendlala, nobhubhani, khon' ukuze izixele izenzo zabo ezimanyumnyezi kwezo ntlanga iya kuhamba phakathi kwazo. Xa kunjalo baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

17. Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:

18. “Mntundini, ngcangcazela xa usidla ukutya kwakho, udude kukoyika xa usela amanzi.

Uhezekile 12