1. Ilizwi *likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
2. “Mntundini, uhleli nabantu abangabavukeli. Banamehlo, kodwa ababoni; baneendlebe, kodwa abaphulaphuli; kuba kaloku bangabavukeli.
3. “Ngako oko, mntundini, bopha konke okwakho, ulungiselele ukufuduka. Uze uthi emini, bekubona, unduluke, ufudukele kwenye indawo. Mhlawumbi ke bangaqonda, nakubeni bengabantu abangabavukeli.
4. Emini njalo, bejongile, uze uwubeke phandle umthwalo wakho sewulungele imfuduko, uphume kwakuhlwa, bekukhangele njalo, ungene endleleni yemfuduko.
5. Bekubukele njalo, gqobhoza eludongeni lwendlu, uphume nempahla yakho.
6. Uze uyityathe bekujongile ngorhatya, ungene endleleni. Uze ubugqume ubuso bakho, ukuze ungaliboni ilizwe, kuba ndikwenze umqondiso kwindlu kaSirayeli.”
7. Ndenza njengoko ndiyalelwe. Ndayikhupha emini impahla yam seyingumthwalo olungiselelwe imfuduko. Ndaza ngokuhlwa ndagqobhoza eludongeni ngezandla zam. Ngorhatya ndaphuma endijongile ndithwele impahla yam emagxeni.
8. Kusasa ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
9. “Mntundini, abakubuzanga na oonkanishe abayindlu kaSirayeli ukuba: ‘Wenza ntoni na?’
10. Uze uthi kubo: ‘Ithi iNkosi uNdikhoyo: Olu daba lundilisekileyo luqondene nenkosana eseJerusalem nayo yonke indlu kaSirayeli elapho.’