14. Ngoko ke thina njengabantu abaxhomekeke kwikomkhulu elo, futhi singakunqweneli ukubona ukumkani edelekile, sithe masikuthumele le leta sikwazise, mhlekazi,
15. khon' ukuze kwenziwe uphando kumaxwebhu ashiywa ngabo bakwandulelayo. Apho kwezo ngcombolo ke uya kufumanisa ukuba esi sisixeko sabavukeli, abaphembeleli-dushe kookumkani nakumaphondo; kakade yayiyindawo yodushe kwamandulo. Kwakungenxa yaloo nto ukuze sitshatyalaliswe esi sixeko.
16. Ewe, siyakulumkisa, mhlekazi: ukuba sikhe sakhiwa esi sixeko, zavuswa neendonga zaso, wena uya kusala ungenanto apha kwelentshona ye-Efrati.”
17. Ukumkani ke waphendula wenjenje:“URehum igosa eliphetheyo, uShimshayi unobhala, nawo onke amahlakani abo ahlala eSamariya naphi na kwelentshona ye-Efrati: Bhotani!“Ke
18. ileta eniyibhalileyo nasithumelela yona ifundiwe yaguqulwa nam ndisiva.
19. Ndilugunyazisile uphando, kwaza kwaphengululwa kwafumaniseka ukuba esi sixeko kwakudala sinembali yabavukeli-zikumkani – yindawo yovukelo nesiphithi-phithi.
20. EJerusalem kwakukho ookumkani abanamandla, belawula kwelentshona ye-Efrati, irhafu neminikelo nemirhumo ihlawulwa kubo.
21. Ngoko ke wisani umyalelo abo bantu bawuyeke loo msebenzi, ukuze eso sixeko singakhiwa de mna ndikuyalele oko.
22. Nize nincede ke ningawuyekeleli lo mcimbi. Ningathini ukuyiyeka ihambele phambili into eza kubeka ikomkhulu emngciphekweni?”
23. Ithe ke, isakufundwa loo leta yayivela kukumkani uAtashasta, uRehum noShimshayi unobhala namahlakani abo basuka ngoko nangoko baya kumaJuda eJerusalem, bafika bawanyanzela ngenkani ukuba awumise umsebenzi.
24. Ngoko ke umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo eJerusalem wema ngxi, yada yangunyaka wesibini wolawulo lukaDariyo ukumkani wasePeshiya.