Uestere 7:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ke ukumkanikazi uEstere waphendula wathi: “Ukuba ndiyamkeleka kuwe, kumkani, ukuba kukholekile kuwe, ndincede usindise ubomi bam, uhlangule nabantu bakowethu, ndiyakucela.

4. Kaloku mna ndawonye nabantu bakowethu kuthengisiwe ngathi ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sicinywe igama. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana ngendithe cwaka, kuba bekungayi kubakho ntlungu ingako inyanzelisa ukuba kude kuphazanyiswane nomhlekazi.”

5. Ukumkani uAsuwerosi wabuza kukumkanikazi uEstere wathi: “Ngubani lowo? Uphi loo mntu ube nesibindi sokwenza into enjalo?”

6. UEstere wathi: “Lo mtshutshisi ulutshaba sesi sikhohlakali singuHaman.”Ke uHaman warhwaqela apho phambi kokumkani nokumkanikazi.

7. Ukumkani wathi thwasu enomsindo, waphuma kwelo theko lewayini, wee gwiqi waya kutshona kumyezo wasebhotwe. Kambe ke uHaman waqonda ukuba ukumkani selenesigqibo ngesiphelo sakhe, ngoko ke yena wasala ecengana nokumkanikazi uEstere ngenxa yobomi bakhe.

8. Kanye xa abuyayo ukumkani apho kumyezo wasebhotwe, ebuyela apho esidlweni, yena uHaman kwakuxa aziphosa kwisofa abe ekuyo uEstere.Ukumkani wakhuza wathi: “Yini le! Ngoku ude aphazamisane nokumkanikazi kanye ngoku ahleli nam endlwini!”Lithe nje ukuba liphume elo lizwi emlonyeni kakumkani, basuka bamgquma ubuso uHaman.

9. Waza ke uHabhona, elinye lamaphakathi ajongene nokumkani, wathi: “Kambe ukhona umthi wokuxhoma phaya ngasendlwini kaHaman; uziimitha ezimashumi mabini anambini ukuphakama. Wakhiwe nguye, esenzela uModekayi lo wathethayo wamhlangula ukumkani.”Ukumkani ke wathi: “Mxhomeni kuwo!”

Uestere 7