Uestere 7:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke ukumkani kunye noHaman baya ethekweni likakumkanikazi uEstere.

2. Bathe ke besasela iwayini ngolo suku lwesibini, ukumkani waphinda wathi kuEstere: “Khawutsho, sithini na isicelo sakho, kumkanikazi Estere? Loo nto uyicelayo woyinikwa. Ucela ntoni ke? Woyenzelwa nantoni na, kude kuthi xhaxhe ngesiqingatha sombuso wam.”

3. Ke ukumkanikazi uEstere waphendula wathi: “Ukuba ndiyamkeleka kuwe, kumkani, ukuba kukholekile kuwe, ndincede usindise ubomi bam, uhlangule nabantu bakowethu, ndiyakucela.

4. Kaloku mna ndawonye nabantu bakowethu kuthengisiwe ngathi ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sicinywe igama. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana ngendithe cwaka, kuba bekungayi kubakho ntlungu ingako inyanzelisa ukuba kude kuphazanyiswane nomhlekazi.”

5. Ukumkani uAsuwerosi wabuza kukumkanikazi uEstere wathi: “Ngubani lowo? Uphi loo mntu ube nesibindi sokwenza into enjalo?”

6. UEstere wathi: “Lo mtshutshisi ulutshaba sesi sikhohlakali singuHaman.”Ke uHaman warhwaqela apho phambi kokumkani nokumkanikazi.

7. Ukumkani wathi thwasu enomsindo, waphuma kwelo theko lewayini, wee gwiqi waya kutshona kumyezo wasebhotwe. Kambe ke uHaman waqonda ukuba ukumkani selenesigqibo ngesiphelo sakhe, ngoko ke yena wasala ecengana nokumkanikazi uEstere ngenxa yobomi bakhe.

Uestere 7