1. Ke kaloku wakuba uthothile umsindo kakumkani uAsuwerosi, wamkhumbula uVashiti nesenzo sakhe, ngokunjalo nesihlokomiso awasikhuphayo ngenxa yakhe.
2. Ke izicaka ezazimququzelela ukumkani zathi kuye: “Makhe kwenziwe uphando, kukhangelelwe ukumkani iintombi-nto ezintle kunene.
3. Ukumkani makamisele abaphathi kwiphondo ngalinye elikumbuso wakhe, baze ke ezo nzwakazi zeentombi bazizise kwinkundla yabafazi ebhotwe eSusa. Zona ezo ntombi mazigcinwe nguHegayi iphakathi likakumkani elijongene nabafazi. Zothatha ithuba ke zizilungisa ngezithambiso zobuhle.
4. Ke intombi ethe yamkholisa ukumkani yoba ngukumkanikazi esikhundleni sikaVashiti.” Eli cebiso ke lamkeleka kukumkani, waza walisebenzisa.
5. Ke kaloku apho komkhulu eSusa kwakukho umJuda wendlu kaBhenjamin ogama linguModekayi unyana kaJayire, kaShimeyi, kaKishe.