6. Yasinga kulaa nkunzi yegusha ineempondo ezimbini ndandiyibone imi phezu komlambo, yangqala kuyo ngamandla inoburhalarhume.
7. Hayi ke, yayihlasela inomsindo, iyingquba kangangokuba yazaphula ezo mpondo zenkunzi yegusha zombini. Inkunzi yegusha yayingenawo amandla okumelana nayo. Yakhahlelwa phantsi inkunzi yegusha leyo, yanyhashwa ngamanqina, kungekho bani unokuyihlangula emandleni enkunzi yebhokhwe.
8. Le nkunzi yebhokhwe yakhula yaba nkulu ngokugqithisileyo. Ke, xa yayisencotsheni yamandla ayo, suka lwantlekeka lwaphuka shwaqa olo gqajolo lophondo lwayo. Endaweni yalo ke kwaphuma ezinye iimpondo ezingayiwayo zane, zikhangele kwiimbombo zone zehlabathi.
9. Kolunye lwezi mpondo kwantshula olunye uphondo olwaqala luluncinane, lwaza lwakhula lwabhekisa ngasezantsi nangasempuma nangakwilizwe eliliqhayiya.
10. Lwakhula ke lwafikelela nakumkhosi wezulu, lwayikhahlela phantsi emhlabeni inxalenye yeenkwenkwezi layinyhasha.
11. Ewe, lwada lwafunza kuyo neNjengele yomkhosi wezulu, latsho lawaphelisa namadini atshiswayo enzelwa yona imihla ngemihla. Ewe kaloku, lada laxabhela nendawo eyingcwele yayo.
12. Ngenxa yovukelo yolu phondo umkhosi wezulu wanikezelwa kulo, xeshikweni amadini atshiswayo emihla ngemihla lwawaphelisayo, luluphosa phantsi unqulo lokwenene. Ewe, lwaba nempumelelo kuyo yonke into oluyenzayo.
13. Ke kaloku ndeva izithunywa zezulu zithetha, esinye sibuza sisithi: “Yoba lixesha elingakanani na ukuze ezi zinto zikulo mbono zizaliseke? Nditsho lo mbono malunga nokupheliswa kwamadini atshiswayo emihla ngemihla, novukelo oluphanzisayo, nokuxovulwa ngeenyawo komkhosi wezulu nendawo eyingcwele.”
14. Sathi kum: “Koba kukuhlwa nokusa okungamawaka amabini anamashumi amathathu ukuze indawo eyingcwele ihlanjululwe ibuyele kundalashe.”
15. Ke kaloku mna Daniyeli ndathi ndisacamanga ngalo mbono, ndifuna ukuqonda intsingiselo yawo, suka ndabona into embonakalo ngathi yindoda imi apho phambi kwam.
16. Kananjalo ndeva ilizwi lomntu likhwaza apho emlanjeni iUlayi lisithi: “Gabriyeli, mxelele lo mntu intsingiselo yaloo mbono.”
17. Ngenene ke uGabriyeli weza kweli cala ndimi kulo, kwathi esiza njalo mna ndasuka ndawa ndacambalala emhlabeni ndisoyika.Ke yena wabhekisa kum wathi: “Mntundini, yazi ukuba lo mbono ubhekiselele kwixesha lesiphelo.”
18. Ngelo xesha athethayo ke mna ndandilele tywaa zisemkile! Ngoko ke yena wandibamba wandichukumisa ndema ngeenyawo,
19. wathi: “Ndikubonisa izinto eziya kwenzeka ngomhla wokugqibela wengqumbo kaThixo. Kaloku lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo lesiphelo.
20. “Laa nkunzi yegusha uyibonileyo impondo-mbini imele ookumkani bamaMedi nabamaPeshiya.