Hayi ke, yayihlasela inomsindo, iyingquba kangangokuba yazaphula ezo mpondo zenkunzi yegusha zombini. Inkunzi yegusha yayingenawo amandla okumelana nayo. Yakhahlelwa phantsi inkunzi yegusha leyo, yanyhashwa ngamanqina, kungekho bani unokuyihlangula emandleni enkunzi yebhokhwe.