17. Ngenene ke uGabriyeli weza kweli cala ndimi kulo, kwathi esiza njalo mna ndasuka ndawa ndacambalala emhlabeni ndisoyika.Ke yena wabhekisa kum wathi: “Mntundini, yazi ukuba lo mbono ubhekiselele kwixesha lesiphelo.”
18. Ngelo xesha athethayo ke mna ndandilele tywaa zisemkile! Ngoko ke yena wandibamba wandichukumisa ndema ngeenyawo,
19. wathi: “Ndikubonisa izinto eziya kwenzeka ngomhla wokugqibela wengqumbo kaThixo. Kaloku lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo lesiphelo.
20. “Laa nkunzi yegusha uyibonileyo impondo-mbini imele ookumkani bamaMedi nabamaPeshiya.
21. Yona inkunzi yebhokhwe exhonti imele ookumkani bamaGrike. Olwaa gqajolo lophondo luphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala wawo.
22. Eziya mpondo zine ziphumileyo lwakuba lwaphukile oluya lokuqala, zimele imibuso emine eya kuphuma kulawulo lokumkani wokuqala. Yona ke iya kuba nganeno kwalo wokuqala ngokomelela.
23. “Uyabona ke, kuya kuthi xa ulawulo lwaloo mbuso lusiya esiphelweni, xa uvukelo selufikele encotsheni, kuvele ukumkani obuso bungwanyalala, oyincutshe yamaqhinga.
24. Uya kukhula omelele, kodwa engakwenzi oko ngawakhe amandla. Uya kwenza intshabalalo engathethekiyo; konke akwenzayo kophumelela. Kwanâbo bomeleleyo uya kubatshabalalisa, nditsho kwanabantu abangcwele abalusapho lukaThixo.
25. Uya kuphumelela ngamaqhinga, amandla akhe abe bubuqhetseba. Uya kuba ngumfo ozingcayo, abatshabalalise abantu abaninzi bengakulindelanga oko. Uya kuvukela nditsho neTshawe lamatshawe; kambe ke uya kutshatyalaliswa, phofu kungengasandla samntu.
26. Ke kaloku lo mbono malunga nokuhlwa nokusa, lo uwutyhilelweyo, uyinyani. Kambe ke wena uze ungawudizi; uthetha ngemihla esekude ezayo.”
27. Ke mna Daniyeli ndatsho ndaphelelwa ngamandla, ndaba neentsukwana ndigula. Phofu ke ndabuya ndaphakama ndaya kumsebenzi wam endandiwuphathiswe ngukumkani. Kambe ke ndahlala ndikhwankqisiwe ngulo mbono kungekho bani unokuwuqonda.