3. Suka ke kwathi gqi qhaphu amarhamncwa amane amakhulu, ephuma elwandle, elo nelo lahlukile kwelinye.
4. “Elokuqala lalifana nengonyama, koko linamaphiko njengokhozi. Ndithe ndisabukele suka amaphiko lawo ancothuka. Laza ke elo rhamncwa laphakanyiswa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo ngokomntu. Kananjalo lasuka lanengqondo yomntu.
5. “Kwakhona kwathi gqi irhamncwa lesibini linjengebhere, limi liziphakamisile ngelinye icala. Emlonyeni laliphethe iimbambo ezintathu ngamazinyo alo. Kwathiwa kulo: ‘Phakama, utye inyama kangangoko!’
6. “Emva koko, ndisabukele njalo, kwathi gqi elinye elalifana nengwe. Kambe ke lalinamaphiko amane angathi ngawentaka, kananjalo lineentloko ezine. Lanikwa amagunya okulawula.
7. “Kwakhona ke kumbono wam wasebusuku ndakhangela, kwee gqi elesine irhamncwa. Lalisoyikeka, lirhwaqelisa, liyingwanyalala. Lalitsho ngeengxavula zamazinyo entsimbi. Amaxhoba alo laliwakroboza liwathi nqwam-nqwam ngaloo mazinyo, amasalela liwanyhashe ngeenyawo. Lalingafani namanye la, yaye lalineempondo ezilishumi.
8. Ndisazijongile ezi mpondo kwathi thaphu olunye uphondo oluncinci apho phakathi kwezinye, zatsho zancothuka ezintathu kwezo mpondo zazikho kakade. Olu phondwana ke lwalunamehlo njengomntu, kananjalo lunomlomo luthetha izinto ezinkulu kakhulu.”